







Kule mihla akukho nto ingakanani unokuyithenga xa usamkela i-R100 ngenyanga, kanti loo mali ayinako ukukuqhuba nkqu neveki le kunye nosapho lwakho. Kodwa kwiminyaka engama-26 edlulileyo kwakungumvuzo womhleli lowo. Igqala lentatheli nowayengumhleli wesiXhosa weBONA, uROOSEVELT "BISHOP" FANI , usibalisela ezaloo minyaka.



















Amaqweqwe angaphandle eBONA ngeminyaka yoo-1960 neyoo-197O.

Ngokuqinisekileyo iintatheli nabahleli abanjengoDaizer Mqhaba, uMike Mtakati, uKhulu Sibiya, uJon Qwelane nabanye bamkela imivuzo emihle nezifaneleyo izikhundla zabo. Sasixhatshazwa thina nabanye abahleli abantsundu kwiminyaka eyadlulayo. Sasiwenza kakuhle umsebenzi kodwa sasingamkeliswa imivuzo esifaneleyo

UMHLELI OWAYESAMKELA I-R100 NGENYANGA...


njengeentatheli eziphambili ezazisenza umsebenzi owawungowabelungu ikakhulu.
Ukuze ube yintatheli ngaloo minyaka (ngeminyaka yoo-l950), kwakufuneka ube wazi izinto ezininzi yaye ube nenkani, kungenjalo wawuthatyathwa njengetoliki yentatheli yomlungu eye kubhala inqaku elokishini yabantsundu.
Phofu ke bendingekho apho! Injongo yokubhala kwam eli nqaku ibikukubalisela ngezezolo xa ndandiyintatheli yeBONA ikakhulu.

Ndayeka ukusebenza kwiTHE WORLD ngo-1969 ndaya kusebenza eJohannesburg
ndinethemba lokuba ndiza kwamkela umvuzo oncumisayo, kodwa ndamangaliswa kukufumanisa ukuba umvuzo uyafana nalapho ndandisuka khona! Ndandingumhleli wesiXhosa, ndiphinde ndibe yintatheli nomhlalutyi wezolonwabo. Ndandisamkela ikhulu leerandi qha ngenyanga...

Ndanditshatile ndinabantwana ababini. Ndandingumhleli nje ngegama kuba abahleli abaninzi bezinye iimagazini zaseMzantsi-Afrika babesamkela imivuzo emihle kunam. Babefumana onke emalungelo okuba ngabahleli njengoko abanye babexhaswa ngemali yokuhamba kanti abanye benikwa iimoto zenkampani . Ndandingafumani nanye kwezo zinto. Phofu ke ukuba ngumhleli wesiXhosa kwakulucelo-mngeni kum kuba ndandiluthanda ulwimi  lwam.
	
Xa ndandiphangela kwiTHE WORLD	-
ndandingazi ukuba ndiya kuze ndikwazi ukubhala amabali ngesiXhosa kuba ndandiqhele ukubhala ngesiNgesi. Kodwa ndandikhe ndiwabhale amanqaku esiXhosa kwiBANTU WORLD eyayiphuma ngeveki . IBANTU WORLD yayinamakhasi ngaphakathi abhalwe ngesiXhosa, isiZulu, isiSuthu, isiPedi nesiTswana. Zayekwa iilwimi zesiNtu KWIBANTU WORLD ngo1963 emva kokuba iyekile ukuphuma ngeveki iphuma yonk' imihla. Ndathi ndakuqeshwa kwiBONA ndaqonda ukuba elo kwakulixesha lam lokuba ndivuselele ulwazi lwam lwesiXhosa kuba ndandihlala eJohannesburg kukude lee eKoloni apho ndandivela khona. Njengoko ndisisizukulwana sekumkani yamaXhosa uSarhili, unyana kaHintsa kaPhalo, ndifanele ukuluthanda ulwimi nezithethe zakowethu. Ndandisaneliswa kukuba ngumhleli wesiXhosa weBONA nangona ndandisamkela i-R100 qha ngenyanga.
Zazitsala nzima iintatheli ezintsundu eMzantsi-Afrika ngoo-60, kodwa abaphathi beenkampani zamaphepha-ndaba babengalazi icebo eliyimfihlo leentatheli ezintsundu.

Noko sendingamkhupha uhili ezingcongolweni. Ekuphela kwendlela esasizenzela ngayo imali ethe kratya, kukuba sithi xa besiphumile siyobhala inqaku sixoke sithi sisebenzise imali ezininzi, ukuze enye sizitsalele yona. Kwakuyinto eqhelekileyo leyo ngaloo minyaka. Khawufan' ucinge nje ukuba wawunokuziphilisa njani nge-R4 esasiyamkela ngeveki KWIBANTU WORLD . Njengoko uba yingcali nakwintoni na oziqhelisa yona, ndaba yingcali ngokukhawuleza ekufumaneni imali ngolo hlobo kunye noVincent Ntuli endandisebenza naye. Abanye bethu babeyisebenzisa ekuloboleni loo mali baze batshate. Ndizimisele nokuxela loo nyaniso kwiKomishini yeNyaniso noXolelwano...

Ndakhe ndasebenza neentatheli eziphambili ezinjengoDoc Bhikisha. UDoc wayeyithanda iwayini i-"Port" nezihlangu ezihle, Wayengumfo obalaseleyo nothandwayo kwizitrato zasejozi. uDoc wayedla ngokuba ngomnye wabagwebi kukhuphiswano loonobuhle yaye wayefunwa kwiindawo ngeendawo ukususela eRandfontein kuse eSprings ,
	ePitoli , eJohannesburg naseVereeniging . Zazininzi iintlondi ezazisenzeka ekucholacholeni iindaba. Ndikhumbula iindawo esasisiya kuzo noDoc siyobhala amanqaku, kuquka nebali lika-Sathana esalibhala ePitoli .

Kwaqala ngokuba iphepha esasikhuphisana nalo livele nenqaku elithi 'USathana ubanjiwe ePitoli ! 'Eli bali lalisithi uSathana onomsila neempondo
nonefolokho ende ubanjwe ePitoli esiba amalahle (mhlawumbi wayeza kuwabasa esihogweni sakhe). Yaba ngundaba-mlonyeni loo nto koololiwe, ezibhasini , kwimikrozo yabantu kwiiofisi zamapasi , emingcwabeni! Amanye amaNgqina kaYehova endandiwazi ayesithi Sasinixelele! Umhla womgwebo ufikile! Emva koko umhleli wethu wasithuma noDoc ukuba siyofumana iindaba ezintsha ngelo bali ePitoli .

Sathi xa sifika ePitoli sadibana nentatheli yePost eyayibhale elo nqaku, yasixelela ukuba alikho elo bali qha yayiyiphuphile loo nto yayiyibhalile! Sabona ukuba akukho nto sinokubhala ngayo xa kunjalo saza saya kusela imali yenkampani imini yonke. Kwathi emva kwemini sagqiba ekubeni sakhe obethu ubuxoki sinoDoc . Saya emzini wonobuhle, samcela ukuba simfote ephethe ibhotile nefolokho . Samfota ekhomba ibhotile evaliweyo. Ngenye imini elandelayo elethu inqaku laphuma lisithi: Simvalele ebhotileni uSathana! Kwakhona elo nqaku laba ngundaba-mlonyeni!

Mandibuyele kwiBONA! Buninzi ubuvuvu obebusasazwa ngeBONA bube bungeyonyaniso. Ekuphela kwesono esenziwa yiBONA ngelo xesha kwakukungazibhali iindaba zepolitiki -kanti ngelo xesha imagazini eyayikhuphisana nayo, iDRUM AFRICA , yayizenzela igama ngokubhala ngomzabalazo wabantu abantsundu. Sasibhala ngobomi babantu abadumileyo, kodwa sasingabhali ngabantu ekwakusithiwa banxulumene namaKomanisi . Oko kwakungenziwa kukuba singathandi ukubhala ngabo. Ingxaki kukuba iintatheli zazingabantu abantsundu aze umhleli abe ngumlungu -kwaye abo bahleli babelungu babeqinisekisa ukuba iBONA ayisetyenziswa ukukhuthaza iinkolelo zobukomanisi . Abahleli beBONA ngaloo minyaka babengafuni ukuphoxa urhulumente owayephethe kangangokuba ndiba buhlungu xa ndibona iBONA ibhala ngezinto eyayingabhali ngazo, de ndinqwenele ukuba bendinokuphinda emva ngeminyaka engama-40 ukuze ndenze endandikunqwenela: ukubhala endikuthandayo ndingoyiki nto! Phofu ke sasizama kangangoko sinako ukufumana inkululeko, kwaye ndiyavuya kuba yathi xa ifika loo nkululeko yafika nakwiBONA.

Ndikhe ndasebenza phantsi kukaDaizer Mqhaba xa ebengumhleli weMVO. Ube ngumhleli wokuqa1a ontsundu weli phepha-ndaba emva komtu owaliqalayo, uJohn Tengo Jabavu ngaphezu kweminyaka eli-100 eyadlulayo. Ngaphambi koko ndandikhumbula noyise ongasekhoyo, uAlton Mzimkhulu Mqhaba. Ukubona uDaizer Mqhaba kwakhona eba ngumhleli wokuqala ontsundu weBONA ukususela oko yaqala ukushicilelwa kwiminyaka engama-40 edlulileyo kundinika ithemba nolwaneliseko kuba kuziziphumo zomzabalazo wethu magqala.
HAPPY BIRTHDAY , BONA! Siziva sineqhayiya ngawe namhlanje xa sijonga uqweqwe lwakho olumenyezelayo namabali amnandi angaphakathi! Maz 'enethole...















Umculo WaseMzantsi Afrika
.4 UMargaret Singana Mcingana waduma ngengoma ethi Ipi Ntombi waba neengoma ezizezakhe ezithi Hamba Bhekile nezinye.




ezazidlala ovangiweyo wona owawubizwa ngokuba yimarabi okanye i-African jazz ;
 I-Elite Swingsters zafumana udumo ngengoma yabo uThulandivile. Kwezo mini zeAfrican jazz iElite Swingsters yayiyenye yamaqela adumileyo kweli. Baqala beyingqokelela yeemvumi ezilinde nezinye ezinethemba eLoafers Corner eTroye nakwizitalato zababhali eJohannesburg ;
 uMabel Mafuya neGreen Lanterns bamenza imvumi ecula phambili uMabel . Wayengomnye wabadumileyo nabacula kamnandi phakathi kwiminyaka yoo1950. Ngokwasemculweni uMabel ukhunjulwa kakhulu ngengoma eyayisithi Hula Hoop kodwa ethi Nomathemba yeyona igqwesayo;
 UDorothy Masuka wafunyanwa yiTroubadour ngeminyaka yoo-195O nasekuqaleni kweyoo-1960 ngaphambi kokuba abhace eMzantsi-Afrika ngenxa



















UMiriam Makeba eselula (ngowesibini ukusuka ekunene) neqela lakhe elalidumile iThe Skylarks .

yezopolitiko , wayeyimvumi exhaphakile nakumajelo eendaba;
 UCuthbert Matumba wavelisa ingoma kaDorothy Masuka ethi Ufikizolo nekaMabel Mafuya ethi Unomathemba - engomnye weembalasane kumculo waseMzantsi-Afrika kwaye kungokunje ulityelwe. Wayenesiphiwo ezazijolise kwezentengo, ekwazi ukuvelisa iingoma ezimnandi. Waphantse wayibalaselisa ngokubamba Troubadour eyedwa kangangokuba maxa wambi kwakuwela kuye i-85% yentengiso yamacwecwe aseAfrika;
 UKippie Moeketsi and the Marambi Kings - UKippie owayekwiclarinet wayebalasele kwezomculo eMzantsi-Afrika kodwa njengaye nabani na okrelekrele ukodlula abanye ulwazi lwakhe oluphangaleleyo lwamenza ukuba angalungi eluntwini;
 UNancy Jacobs noodade bakhe - uNancy owayenentloni ebambe igazi
( URebecca ungomnye wemvumi ezingajikiyo zaseMzantsi Afrika. Waduma ngokuphumelela kwiShell Road to Fame ngo-1987 kwaye kunamhlanje ukwindawo yokuqala kwabathandwayo eMzantsi-Afrika.
UKori Moraba wayengomnye wababalaseleyo kuMbaqanga- Pop kwiminyaka yoo-1970.
	wacula iminyaka embalwa pha koo-50,
	watshata wathi xha kwezangaphandle.
	Ukhunjulwa ngengoma yakhe
	uMeadowlands - enye yeziyakuhlala
	zimnandi eMzantsi Afrika;
	   UDolly Rathebe neAfrican
	Inkspots : ukubabalwa ngokubukeka
	kwamenza ukuba athandwe ukufotwa
	emaphepheni ayesanda kubakho abantu
	abamnyama. UDolly wayenelizwi
	elimnandi kwanesiphiwo emculweni.
	Ingoma yakhe ethi Unomeva yabhalwa
	ngumyeni wakhe wesibini, UWelcome
	Duru, ongumqambi weengoma eziliqela
	zeclassic;
	   IManhattan Brothers
	ezazibandakanya uNathan Mdledle, uJoe
	Mogotsi, uRufus Khoza, uRonnie
	Sehume, bonke becula, kunye noDan 
	Hill edlala iclarinet, babesaziwa
	ngengoma yabo u'Jikela Emaweni'
	nabayishicilela emveni kwminyaka
	beziinkonde kwezolonwabo;
	   Kwaku loo nyaka imagazini iBONA
	yazalwa (1956), ukuqala kwakhe
	ukushicilela ingoma ethi Lovely Lies
	UMiriam Makeba ekunye neManhattan
	         Brother UMiriam Makheba
	           neyaveliswa eUnited
	           States ngalo ndlela waba
	           yimvumi yokuqala
	         yeloMzantsi Afrika
	         ukufakwa kwiBillboard
	           Top 100. Kodwa edume
	         enjalo uMirriam Makeba
	       akuphumezileyo emculweni
	      kulibalekile kwaye akwaziwa.
	     Bambalwa abantu abaziyo ukuba
	     UMiriam Makeba ekupheleni
	     kweminyaka yoo-1950 waba
	     yimvumi yokuqala eqaqambileyo
	     yaseMzantsi-Afrika kwaye ekunye
	     neqela iSkylarks bavelisa owona
	    mculo;
	       Imahotella Queens
	    zinoMahlathini zashukumisa isizwe
	    ngoMbhaqanga (isingqi esitsha
	    saselokishini ). IiQueens
	     zazombelelwa nguMarks
	     Mankwane neMakgonatohle
	      Band . Abanye ababephambili
	     kumculo woMbaqanga
	yayiZiintombi Zelimanje, iSpace Queens
	kunye noBra Sello;
	   Ngo-1969 uPhillip Mallela neThe
	Flaming Souls bavela necwecwe
	elimnandi ethi " She's Gone " !. Ngeli
	thuba kwavela neSoul Music kunye
	neMonkey Jive . Amanye amaqela
	ayebalasele yayiziYoung Ones , iMovers ,
	iInne Lawes , iiTeenage Lovers ,
	iHurticanes , iThe Wavelets , iQuestion
	Marks , iThe Beaters zibandakanya
	uSipho mabuse, uSelbi Ntuli kunye
	noAlec khaoli.
	   UBabsy Mlangeni neThe All
	Rounders , uKori Moraba and the
	Minerals , uVusi Shange and the
	Additions bonke bavela kwiminyaka yoo.
	70. Umculo wabo nguMbaqangal/ Pop .








U-Ally Mokoena
Nam Ndikhe
 Ndaxelenga
KwaBona...'




44 BONA XHOSA - September 1996

Uninzi lwenu bafundi luya kundingqinela ukuba kudala itshintsha imbonakalo yeBONA phantsi kwabahleli abohlukeneyo. Xa ndandisebenza kuyo umhleli omkhulu yayingumlungu, kwaye ngelo xesha lwalugquba ngamandla ucalucalulo lweentlanga. Ayekho amahla ndinyuka esasijamelana nawo ngaloo minyaka, kodwa xa ndiyikhumbula ndiziva ndifikelwa yintsini.





kubalisa UAlly MOKOENA

UKUBHIYOZELA ukugqiba iminyaka engama-40 kweBONA kuya kuba akuphelelanga xa kunokulityalwa abasebenzi abonwabileyo ababa negalelo elikhulu ekuyiguquleni kwinto eyayiyo ukuze ibe yinto eyiyo namhlanje. Ziyahlekisa izinto ezazisenzeka kumagumbi eendaba eBONA, ingakumbi njengokuba kuzizinto zakudala ngoku.
Kwiminyaka endandiphangela kule magazini sasiyitshintsha-tshintsha. Sasikuthanda ukuthi ngoLwesihlanu ngentsimbi yesithathu malanga siyeke ukusebenza size sizonwabise ngeebhiya esasizithenga ngokwenza inkazathi yokuba umntu emnye ahlawule i-R2. uReg Vermeulen owayengumhleli wayo omkhulu (ngoku ongumhleli weDrum ), wayengabonakali iveki yonke uze umbone ngoLwesihlanu emenyezelisa inkqayi sesibulisa ngokungathi kudala wasigqibela.
Sasisoloko sikrokra ukuba uReg wayekhupha ngaphezu kwenkazathi ye-R2, kuba sasithi nokuba singasela kangakanani na babungapheli utywala. Eyona nto yayinomdla kukuba sasithi emva kokusela iibhiya ezimbalwa iphele into yokuhloniphana usive sesibizana ngamagama ethu. Abangasetiyo babezonwabisa ngeziselo neekeyiki ezimnandi - ababenokuzitya baphelelwe ziifiga zabo ababezilumkele. Zizinto ezazisenzeka kwaBONA ezo ngexesha lam. Ngaphezu kwezo zinto kwakukho nabantu ababehlekisa gqitha.
U-J.V - onguJ.V. Vilakazi, wayengumquli onamava nowuqondayo umsebenzi wakhe! Ukungakhathali nokuba nethamsanqa kwakhe kwakubakhohlisa abantu abaninzi kuba wayeyindoda ekrelekrele. Eyona nto yayingumnqa ngoJ.V. kukuba nangona sonke sasingathandi ukubizelwa kwiofisi , yena wayesiya kuyo ngokuzithandela. Wayesiya rhoqo ngoLwesibini! Sonke sasingazi ukuba sukuba eyokwenza ntoni kuReg . Wayephuma etsho ngoncumo olugoso
qho xa ebeye kwiofisi yakhe - kaloku wayedla ngokuba nengxaki yokungaphangeli ngoMvulo!
Kwacle kwavakala ukuba qho ngoLwesibini UJV  wayeqhatha uReg ngokungabikho kwakhe emsebenzini ngoMvulo athi bekukho isalamane sakhe esiswelekileyo. Zonke iiveki kwakusweleka uyise, utat' omncinci, njalo-njalo. U-J.V wayengumfo okwaziyo ukuzenzisa, yaye wayedla ngokungena eofisini yomhleli ekhangeleka elusizi
engathi uzibambe ngeenkophe iinyembezi, aze acele ukubona umhleli omkhulu kuBarbara Zulu (ongunobhala).
uReg wayengumntu onovelwano yaye eyiphulaphula ngenyameko ingxaki yakho. U-J.V wayefika ayenze into enkulu ukusweleka komntu wakowabo, aze uReg achukumiseke asamkele isizathu sakhe sokungaphangeli. Ngokwenza oko wayecinga ukuba uReg usisibhanxa, kanti uyabhala rhoqo xa efika esithi kukho umntu oswelekileyo



28 BONA XHOSA - September 1996

42 BONA XHOSA - September 1996
